Skip to main content

Charter for Compassion in Translation

Xhosa Translation

Umqulu wothando nobubele

Uthando novelwano gumgaqo osisisekelo sazo zonke iinkolo. Ukuziphatha ngokunyulu namasiko okholo zizinto ezisinyanzelisayo ukwenza nokuphatha abanye ngendlela efanayo naleyo thina singa singaphathwa ngayo. Uthando nenkathalo lusinyanzela ukusebenza ngokuzinikela ekwenzeni ngcono ukuhlupheka kwezinye izidalwa esiphila nazo. Sinyanzelekile ukuba siyeke ukuzicingela sedwa koko sibeke abanye abantu kuqala. Sifanele ukuphakamisa sihlonele ilungelo lomntu ngamnye ngaphandle kokucalula nomkhethe kwaye oko sikwenza ngokunyaniseka, ukulingana nembeko.

Kuyimfuneko nangakumbi ukungavisani buhlungu ekhusini nasesidlangalaleni. Ukutheha krwada nangolunya ngenxa yekratshi, ukujongela phantsi nangokuzicingela sedwa , oku sikwenza ngeenjongo zokucinezela, ukuxhaphaza nokusoza abanye kumalungelo abo nokuhlwayela intiyo ngokuhlisa izithunzi zabanye kwakunye neezo zeentshaba zethu, oku kuyaphikisana nobuntu bethu. Siyakuvuma ukoyisakala kwethu ekuphileni ngobuntu novelwano, kwakunye negalelo abanye bethu ababenalo ekwandiseni intlungu nobunzima babanye abantu egameni lenkolo.

Ukwenjenje, simemelela amadoda namakhosikazi ukuba ~ abuyisele ubuntu kwindlela yokuziphatha nenkolo ~ abuyele kumgaqo wamandulo apho inguqulelo yezibhalo ukuba zifundeke ngokungathi zihlwayela inzondo nobundlobongela yayingamkeleki ~ baqinisekise ukuba ulutsha lunikwa ulwazi olululo, olunyanisekileyo noluhloniphekileyo ngeenkolo, amasiko nezithethe ezahlukeneyo ~ bakhuthaze ukuhlonitshwa kokwahlukana kwamasiko neenkolo ~ bamilisele imo yokuvelana nokuqonda intlungu yoluntu jikelele kuquka naabo babonakala njengeentshaba.

Kufuneka senze kucace ukuba ubuntu novelwano kunganefuthe elimandla kumhlaba wethu ongcolisekileyo. Xa ubuntu bunokumiliselwa kwimigaqo eyiyo nokuzinikela, bungakongamela ukuzicingela sedwa. Ubuntu bungoyisa ezopolitiko, nogonyamelo. Bungadiliza iindonga zeenkolelo zopolitiko neenkolelo zeenkolo ngeenkolo ezahlukanisa uluntu. Ngenxa yobunzulu bokuxhomekeka kwethu omnye komnye, ubuntu bubalulekile kubudlelwane bethu ukuze sibe luluntu olwanelisekileyo. Le yindlela ebheka ekukhanyeni nasekudalekeni kwezoqoqosho ezizizo nakuxolo eluntwini emhlabeni jikelele.

 


 

←  Go back                                                  Next page

MENU CLOSE